Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 7:14-23 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ngoko ke yiNkosi ngokwayo eza kukunika umqondiso! Kaloku intombi ikhulelwe, ibe ke iza kuzala unyana, imthiye igama elinguImanuweli.

15. Ke kaloku loo nkwenkwe iya kuthi xa seyikwazi ukukhetha phakathi kokubi nokuhle kube sekudliwa ngendeb' endala, ingamasi nobusi.

16. Kambe ke lothi lingekafiki nelo thuba, ibe yona imihlaba yaba kumkani bakuphakuzelisayo seyikhal' ibhungane.

17. “Wena nabantu bakho ndawonye nekomkhulu liphela uNdikhoyo uza kunizisela inkxwaleko engathethekiyo engazange yalanywe okokoko waqhekekayo umbuso kaSirayeli kowakwaJuda. Ewe, uza kunithumela ngokumkani wama-Asiriya.

18. “Ngelo xesha ke uNdikhoyo uya kutsho ngomtyangampo wekhwelo, atsho amaJiputa ancothuke kwelikude kwiintlambo zomlambo iNayile, eze ngathi libubu leempukane. Kanti kananjalo nama-Asiriya aya kuphuma kwelakowawo ebhubhuzela exel' iinyosi.

19. Elo bubu ke liya kuyambathisa nje imixawuka ndawonye nemiqolomba emaweni phaya; ewe, liya kunwena lithandele nenameva imithi, lingashiyi nalinye idlelo.

20. “Ngelo thuba ke uNdikhoyo uya kuqesha umchebi waphesheya komlambo iEfrati ukumkani waseAsiriya! Yena ke uya kunigugula zonke iinwele neendevu noboya.

21. “Lakugaleleka ke elo xesha nomlimi osalelwe yimazi yenkomo enye, neemazi zeegusha ezimbini,

22. kangangokuba ziya kuba zisehlisa, kuya kuba yintlutha emzini wakhe. Ewe, kaloku loo masalela ashiyekileyo kweli lizwe aya kudla ngendeb' endala, ingamasi nobusi.

23. “Ngelo xesha ke izidiliya ezinemithi eliwaka kuso ngasinye – mithi leyo ixabisa iwaka leesiliva – ziya kuba zitshone lè, zonganyelwe sisiphingo nobobo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 7