Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 58:6-10 Ibhayibhile (XHO96)

6. “Naku okona kuzila ndikufunayo:Zikhululeni iimbophelelo zengcinezelo;niwanyenyise amatyathanga edyokhwe,bakhululwe bonke abacinezelwa,niyaphule idyokhwe yengcinezelo.

7. Kananjalo yabelanani nabo abalambileyo,amahlwempu eembacu niwafake ezindlwini.Abo badlakazelayo baphen' impahla;yekani ukusuka nifulathele amawenu.

8. Nam ke ndotsho ndiyenze mhlophe indlela yenu;nezifo zenu ndozinyanga ngokukhawuleza.Ewe, impumelelo yakho iya kukukhokela,ubungangamsha bukaNdikhoyo bukuphahle ngeenxa zonke.

9. Nothi ke nakuzibika, asabele uNdikhoyo;nothi nakukhala, athi: ‘Ndim lo!’“Ukuba nithe nahlukana nengcinezelo,nayeka ukutyityimbisela abanye umnwe,nahlukana nokuyila nokuthetha inkohlakalo –

10. ewe, xa nithe nababela abalambileyo,ukuba nithe nabathuthuzela abaxhwalekileyo,notsho nibe zizibane ezigxotha ubumnyama,ngenene yotsho ibe mhloph' indlela yenu.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 58