Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 58:4-9 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ngomhla wokuzila iba sisiphithi-phithi semfazwe;nisuka nibethane ninqindane ngolunya.Namhlanje ke olo zilo lwenu lilize;ilizwi lenu alinakuviwa phezulu.

5. Kakade, nithi olu lolu zilo lufunwa ndim,usuku nje lokuba umntu aziqobe,ufike nithe tyek' iintloko ngathi yingcongolo,nide nilal' eluthuthwini ngamasaka?Ningathi kukuzila ke eso simanga?Ingandikholisa njani ke into enjalo?

6. “Naku okona kuzila ndikufunayo:Zikhululeni iimbophelelo zengcinezelo;niwanyenyise amatyathanga edyokhwe,bakhululwe bonke abacinezelwa,niyaphule idyokhwe yengcinezelo.

7. Kananjalo yabelanani nabo abalambileyo,amahlwempu eembacu niwafake ezindlwini.Abo badlakazelayo baphen' impahla;yekani ukusuka nifulathele amawenu.

8. Nam ke ndotsho ndiyenze mhlophe indlela yenu;nezifo zenu ndozinyanga ngokukhawuleza.Ewe, impumelelo yakho iya kukukhokela,ubungangamsha bukaNdikhoyo bukuphahle ngeenxa zonke.

9. Nothi ke nakuzibika, asabele uNdikhoyo;nothi nakukhala, athi: ‘Ndim lo!’“Ukuba nithe nahlukana nengcinezelo,nayeka ukutyityimbisela abanye umnwe,nahlukana nokuyila nokuthetha inkohlakalo –

funda isahluko epheleleyo Uisaya 58