Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 52:9-15 Ibhayibhile (XHO96)

9. Dandulukani ngemivuyo nemincilinani ke, mabhodlo aseJerusalem.UNdikhoyo wobathuthuzela abantu bakhe,ayikhulule iJerusalem.

10. Yena wosebenza ngamandla awodwa,zibone zonke izizwe,usindiso loThixo wethu lutyhileke kuzo zonke iintlanga.

11. Ke nina phumani, hambani nimke apho,ningachukumisi nento le *enomlaza.Phumani ningenabala nimsulwa,baphathi bobuncwane bendlu kaThixo.

12. Namhla aniyi kuphuma magxabha-gxabha.Kaloku animki ngakuba nibhaca,koko nikhokelwa nguNdikhoyo.UThixo kaSirayeli wonikhusela ngeenxa zonke.

13. *UNdikhoyo uthi:“Isicaka sam sophumelela;siya kuphakamela phezulu ngendumasi.

14. Ke abaninzi bomangaliswa bakusibona;suka santleke-ntleke asazeka,imbonakalo yaso ingachazeki,singasafani nanyana wamntu.

15. Nangoku ke wochaphazela izizwe ezininzi,izikumkani zikhumnqe zisik' umlomo.Kaloku zobona zide ziqondisise nento ezingazange zayazi.”

funda isahluko epheleleyo Uisaya 52