Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 52:6-15 Ibhayibhile (XHO96)

6. Kwithuba elizayo abantu bam baya kulazi igama lam,baqonde ukuba ndim owatshoyo,ewe, ndim kanye!”

7. Hayi ubuhle beenyawo zesigidimi sibhijel' iintaba,sipheth' iindaba ezimnandi,sibhengeza sisithi: “Uxolo lufikile!Yonk' intw' ilungile! Nal' usindiso!”Ewe, sibhekisa kwiZiyon sisithi:“UThixo wakho uyalawula.”

8. Abalindi batsho ngentswahla,batsho ngenzwinini yovuyo ngazwi-nye.Kaloku ngoku sebebona ngamehlo;nanko uNdikhoyo engena eZiyon!

9. Dandulukani ngemivuyo nemincilinani ke, mabhodlo aseJerusalem.UNdikhoyo wobathuthuzela abantu bakhe,ayikhulule iJerusalem.

10. Yena wosebenza ngamandla awodwa,zibone zonke izizwe,usindiso loThixo wethu lutyhileke kuzo zonke iintlanga.

11. Ke nina phumani, hambani nimke apho,ningachukumisi nento le *enomlaza.Phumani ningenabala nimsulwa,baphathi bobuncwane bendlu kaThixo.

12. Namhla aniyi kuphuma magxabha-gxabha.Kaloku animki ngakuba nibhaca,koko nikhokelwa nguNdikhoyo.UThixo kaSirayeli wonikhusela ngeenxa zonke.

13. *UNdikhoyo uthi:“Isicaka sam sophumelela;siya kuphakamela phezulu ngendumasi.

14. Ke abaninzi bomangaliswa bakusibona;suka santleke-ntleke asazeka,imbonakalo yaso ingachazeki,singasafani nanyana wamntu.

15. Nangoku ke wochaphazela izizwe ezininzi,izikumkani zikhumnqe zisik' umlomo.Kaloku zobona zide ziqondisise nento ezingazange zayazi.”

funda isahluko epheleleyo Uisaya 52