Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 52:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Vuka! Vuka, Ziyon!Khawuvath' amandla nokomelela;khawufak' ezingayiwayo ngokundileka.Awu, Jerusalem, sixekondini esingcwele,kula masango soze babe sangena abangalukanga nâbo *bagqwalisekileyo.

2. Vuk' uvuthulul' uthuli olo;mbanjwandini Jerusalem, khululeka.Thukulul' amakhamandel' akukhonkxileyo,ungqendeve, mthinjwandini Ziyon.

3. UNdikhoyo uthi:“Ukungena kwenu ebukhobokeni zange nihlawulelwe,ngoko ke naxa nikhululekayo akuyi kwenziwa mrhumo.”

4. Ewe, uMhlekazi uNdikhoyo uthi:“Kuqala abantu bam bâya kuhlala eJiputa;kamva ke bangena phantsi kwedyokhwe yama-Asiriya.

5. Ngoku ngaba yiyiphi ke le imeko?” utsho uNdikhoyo.“Kaloku abantu bam baqweqwedisiwebangena ebukhobokeni ngaphandle kwentlawulo,nabaphathi babo baphoxisa ngabo.Igama lam lihlala linyeliswa imihla yonke.

6. Kwithuba elizayo abantu bam baya kulazi igama lam,baqonde ukuba ndim owatshoyo,ewe, ndim kanye!”

7. Hayi ubuhle beenyawo zesigidimi sibhijel' iintaba,sipheth' iindaba ezimnandi,sibhengeza sisithi: “Uxolo lufikile!Yonk' intw' ilungile! Nal' usindiso!”Ewe, sibhekisa kwiZiyon sisithi:“UThixo wakho uyalawula.”

8. Abalindi batsho ngentswahla,batsho ngenzwinini yovuyo ngazwi-nye.Kaloku ngoku sebebona ngamehlo;nanko uNdikhoyo engena eZiyon!

9. Dandulukani ngemivuyo nemincilinani ke, mabhodlo aseJerusalem.UNdikhoyo wobathuthuzela abantu bakhe,ayikhulule iJerusalem.

10. Yena wosebenza ngamandla awodwa,zibone zonke izizwe,usindiso loThixo wethu lutyhileke kuzo zonke iintlanga.

11. Ke nina phumani, hambani nimke apho,ningachukumisi nento le *enomlaza.Phumani ningenabala nimsulwa,baphathi bobuncwane bendlu kaThixo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 52