Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 46:10-13 Ibhayibhile (XHO96)

10. Isiphelo ndasixela kwasekuqaleni;kwamandulo ndazivakalisa izinto ezizayo.Ndatsho ukuba icebo lam soze liwe,koko ndokufezekisa oko ndikumisileyo.

11. Mna ndibize umfo empumalanga;sisitshu esiya kurhiwula njengokhetshe.Yena woyifezekisa yonke injongo yam;njengoko ndithethile kuya kuba njalo kanye.

12. Phulaphulani, bantundini baneenkani,nina banxaxhileyo elusindisweni.

13. Umhla wosindiso wona ndiyawusondeza;ngenene awukude kuya phi.Ukusindisa kwam akuyi kulibazisa;ewe, ndiza kuyihlangula iZiyon,uSirayeli ndimzisele isidima nesithozela.”

funda isahluko epheleleyo Uisaya 46