10. Isiphelo ndasixela kwasekuqaleni;kwamandulo ndazivakalisa izinto ezizayo.Ndatsho ukuba icebo lam soze liwe,koko ndokufezekisa oko ndikumisileyo.
11. Mna ndibize umfo empumalanga;sisitshu esiya kurhiwula njengokhetshe.Yena woyifezekisa yonke injongo yam;njengoko ndithethile kuya kuba njalo kanye.
12. Phulaphulani, bantundini baneenkani,nina banxaxhileyo elusindisweni.
13. Umhla wosindiso wona ndiyawusondeza;ngenene awukude kuya phi.Ukusindisa kwam akuyi kulibazisa;ewe, ndiza kuyihlangula iZiyon,uSirayeli ndimzisele isidima nesithozela.”