Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 46:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Namhlanje uBhele uthotyiwe; uNebho uwe bhaxa!*Oothixo ebenikade nijikeleza nabonamhlanje batyabula imiqolo yezilwanyana.Ngenene baluxanduva lomthwalo.

2. Nâzo izilwanyana zisiwa zivuka.Akukho kusinda kuzo;zithinjwa kunye nomthwalo wazo.

3. “I-i-i-nzwi ke wena, ndlu kaYakobi!Ndiphulaphuleni nina masalela endlu kaSirayeli,nina endanixhasa kwasekukhawulweni kwenu,ndaza ndanisingatha kwasekuzalweni kwenu.

4. Noda niguge nibe ziingwevumna ndisengulowo unixhasayo.Nenziwa ndim, ngoko ke ndonisingatha;ewe, ndonigcina ndinihlangule.

5. “Kodwa-kodwa ndolinganiswa nabani?Ngubani na onjengam endinokufaniswa naye?

6. Abantu bakhupha igolide engxoweni,isiliva bayilinganisa esikalini,basuke baqeshe ingcibi, ibenzele uthixo;kamva ke basuka bee guqaqa bamnqule.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 46