Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 43:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoku ke *uNdikhoyo, umdali wakho, Yakobi, nombumbi wakho, Sirayeli, uthi:“Uze ungaxhali wena, ndikuhlawulele;ndikubize ngegama, ungowam ncakasana.

2. Noba sewucand' emanzini,mna ndiya kuba nawe;noba sowuwela imilambo,ayisoze ibe nako ukukukhukulisa;nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke;amadangatye akanakukutshisa wena.

3. Kaloku mna Ndikhoyo ndinguThixo wakho,uYedwa kaSirayeli, uMhlanguli wakho.Ndinikezela ngeJiputa ukukuhlawulela;iKushe neSebha zothath' indawo yakho.

4. Kum uxabisekile ke kambe;yeka elo wonga, andikuthandi ngako!Ndincam' izizwe ngenxa yakho;ndinikezel' iintlanga, ndizuze wena.

5. Uze ungaxhali, ndinawe mna;inzala yakho ndoyiqokelela empumalanga,nina ndiniphuthume nasentshonalanga.

6. Kwelasentla ndothi: ‘Bakhulule bagoduke,’kwelasezantsi ndithi: ‘Ungabathinteli.’Oonyana bam babuyise kwelikude,neentombi zam eziphelweni zehlabathi,

funda isahluko epheleleyo Uisaya 43