Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 41:16-27 Ibhayibhile (XHO96)

16. Uya kuzijiwuza emoyeni,ke won' umoya uzitsho ziphephetheke;uqhwithelo lozithatha lumke nazo.Ke wena utsho wonwatyiswe nguNdikhoyo,undidumise mna Yedwa kaSirayeli.

17. “Abahlelelekileyo bam bofuna amanzi bancame;sebekhothekile bona lunxano.Ke mna Ndikhoyo ndosisabela isikhalo sabo –mna Thixo kaSirayeli soze ndibalahle.

18. Ndogqabhuz' imilambo emqwebedini,kutsho kumpompoz' imithomb' ezintilini,intlango ndiyijike ibe yimigxobhozo,umqwebedu utsho unkcenkcez' amanzi.

19. Entlango kokhul' imisedare,ibe ngumngampunzi, umnquma, nemetile.Elibharhileyo lokhula ipayini,isipresi, nomgalagala.

20. Boyibona abantu le nto baqonde,baqaphele bazi,bathi nguNdikhoyo lo uyenzileyo.Ewe ngenene, botsho baqonde ukuba oku kudalwe nguYedwa kaSirayeli.”

21. “Nina *zithixo zeentlanga, ethe ubungqina benu;” utsho *uNdikhoyo.Ewe, uKumkani kaSirayeli uthi: “Khaniyibeke apha ingxoxo yenu, sive.

22. Yizani kaloku, xelani izinto ezizayo;chazelan' inkundla iziganeko zamandulo;ewe, zichazeni nentsingiselo yazo.

23. Khanisixelele ngekamva kaloku;khona nathi sotsho sithi ningoothixo.Yenzani noba yentle okanye ebuhlungu;nathi sitsho sirhwaqele, soyike.

24. Okokwenu nina niyinkunkuma,nemisebenzi yenu yimfitshi-mfitshi.Bangamasikizi abo banichongayo.

25. “Ke mna ndixhokonxe umfo wasentla; uyeza –ondihloniphayo nanko evela empumalanga.Iziphathamandla uzixovula ngathi ludongwe,ngathi ngumbumbi exonxa udongwe.

26. Le nto ngubani oyazise kwantlandlolo kuni,owasilumkisayo ukuze siningqinele?Akukho namnye wakha wayixela,engekho nowakha wayithi thupha.

27. Ndim mna kuqala owayixelelayo iZiyon,ndathi: ‘Nâbo besiza.’Ndathumela isigidimi eJerusalem,umvakalisi weendaba ezimnandi.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 41