Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 40:12-21 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ngubani okhe alinganise amanzi ngethende lesandla,okanye olinganisa isibhakabhaka ngesandla?Mlinganiselo mni ongavalela uthuli lomhlaba,isisiphi isikali sokulinganisa iinduli neentaba?

13. Ngubani ongaze amazi ncam uNdikhoyo,ingubani khona omcebisayo?

14. Kakade uThixo lo ubhenela kubani,ingubani ongamfundisa okusesikweni?Ngubani ke omphokozela ulwazi,aze ambonise indlela yobulumko?

15. Ngenene izizwe zifana nethontsi lamanzi ethungeni,nqwa nothuli azivakali nasesikalini;neziqithi ngokukwanjalo.

16. Amahlathi aseLebhanon akawanele umlilo,neenyamakazi zakhona azilanele idini elitshiswayo.

17. Izizwe zonke azinto kuThixo;yena akazazele nto konke-konke.

18. Angalinganiswa nabani na uThixo?Khona, angafanekiswa nantoni?

19. Akafani nomfanekiso oqingqwa yingcibi,uze utyatyekwe ngegolide ngumnyibilikisi,uhonjiswe ngamakhonkco esiliva.

20. Ihlwempu elingenasiliva nagolidelithatha umthi ongàdliwayo yimpehla,lifune ichule lomchweli,lona loqingqa umfanekiso ongashukumiyo.

21. Ngaba anazi na?Ngaba zange nive na?Zange nixelelwe na kwamandulo?Anikuqaphelanga ukusekwa kwehlabathi?

funda isahluko epheleleyo Uisaya 40