Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 36:8-19 Ibhayibhile (XHO96)

8. “ ‘Hayi bo! Yiza kaloku, ukhe umiselane nenkosi yam, umhlekazi ukumkani waseAsiriya. Ndokunika amawaka amabini amahashe ukuba unganabo abakhweli.

9. Kuxa ungubani wena? Akunakuthelekiswa naso nesiveke-veke kumajoni aseAsiriya, noba ungade ukholose ngeenqwelo namahashe aseJiputa.

10. Kakade ke, uthi ndifane ndeza kuhlasela ukuze nditshabalalise ndibhuqe konke apha ndingayalelwanga nguNdikhoyo? Hayi, nguNdikhoyo ngokwakhe othe mandingene apha, ndilitshabalalise eli lizwe!’ ”

11. Kwesi sithuba ke uEliyakim noShebhena noJowa babhekisa apho kwingqwayi-ngqwayi, bathi: “Khawuncede ukhumshe isiAram, mhlekazi; izicaka zakho ezi ziyasiqonda. Musa ukuthetha nathi ngesiHebhere, hleze kuve naba bantu baseludongeni.”

12. Kambe ke loo ngqwayi-ngqwayi yaphendula yathi: “Yini le, nicinga ukuba la mazwi inkosi yam iwabhekisa enkosini yenu nakuni kuphela? Nithi ayiwabhekisi nakwaba bantu bahleli kolu donga? Andithi kaloku nabo kwanjengani baza kutya ilindle labo, basele umchamo wabo!”

13. Yaphakama ke ingqwayi-ngqwayi leyo, yadanduluka ithetha ngesiHebhere, yathi: “Phulaphulani nive ekuthethayo ingangalala, ukumkani waseAsiriya!

14. Ukumkani uthi: ‘Sanukukhohliswa nguHezekiya lo! Akanako ukunihlangula.

15. Sanukumvumela aniwexulele ekukholoseni ngoNdikhoyo, esithi: “Ngenene uNdikhoyo uya kusihlangula, nesi sixeko asiyi kuba lixhoba lokumkani waseAsiriya.” ’

16. “Musani ukumphulaphula uHezekiya lo! Ukumkani waseAsiriya uthi: ‘Phumani nize kuzinikezela kum, sivisisane. Ukuba niyayenza loo nto, nonke ngabanye niya konwaba, ibe ngulowo nalowo atye iziqhamo zesidiliya sakhe namakhiwane akhe, esela amanzi equla lakhe,

17. ndide ndize kunithatha, ndinise kwilizwe elifana neli lenu, umhlaba onemveliso yeenkozo newayini, ilizwe lengqolowa neediliya.’

18. “Sanukulahlekiswa nguHezekiya xa esithi: ‘UNdikhoyo uza kusihlangula.’ *Nguthixo wasiphi isizwe owakhe wasihlangula esandleni sokumkani waseAsiriya?

19. Baphi oothixo baseHamati nabaseArpadi? Baphi oothixo baseSefarvayim? Ngaba bakha bayihlangula iSamariya esandleni sam?

funda isahluko epheleleyo Uisaya 36