Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 36:18-22 Ibhayibhile (XHO96)

18. “Sanukulahlekiswa nguHezekiya xa esithi: ‘UNdikhoyo uza kusihlangula.’ *Nguthixo wasiphi isizwe owakhe wasihlangula esandleni sokumkani waseAsiriya?

19. Baphi oothixo baseHamati nabaseArpadi? Baphi oothixo baseSefarvayim? Ngaba bakha bayihlangula iSamariya esandleni sam?

20. Nguwuphi kwaba thixo bezi zizwe xa bebonke owakha wanako ukuhlangula ilizwe esandleni sam? Ke, uNdikhoyo lowo yena angayihlangula njani iJerusalem esandleni sam?”

21. Kodwa ke bona abantu abo bathula bathi cwaka, abaphendula, kuba kaloku ukumkani uHezekiya wayebayalile wathi: “Ze ningamphenduli.”

22. Ke kaloku uEliyakim unyana kaHilekiya, umaqhuzu wakomkhulu, noShebhena unobhala wenkundla, kunye noJowa unyana ka-Asafu, usiba-khulu, bakhathazeka bazikrazula izambatho zabo, bahamba baya kuHezekiya, baza bamazisa loo mazwi athethwe yingqwayi-ngqwayi.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 36