Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 36:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngonyaka weshumi elinesine wokulawula kukakumkani uHezekiya kwelakwaJuda, ukumkani waseAsiriya uSenakeribhe wazihlasela wazithimba zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaJuda.

2. Ke kaloku wandulula ingqwayi-ngqwayi yakhe eLakishe, eyithumela eJerusalem nomkhosi omkhulu. Ingqwayi-ngqwayi leyo ke yema kwindlela ebheka apho kusetyenzwa khona amalaphu, ngakumjelo otsala amanzi kwiqula elingentla.

3. Yahlangatyezwa nguEliyakim unyana kaHilekiya umaqhuzu wakomkhulu, noShebhena unobhala wenkundla, ndawonye noJowa unyana ka-Asafu usiba-khulu.

4. Ingqwayi-ngqwayi yathetha nabo yathi: “Xelelani uHezekiya nithi: ‘Ithethe ngolu hlobo ingangalala ukumkani waseAsiriya: Njengokuba uzithembe kangaka nje, Hezekiya, uqamele ngantoni kanye?

5. Akuzilibali unamacebo nobuchule bomkhosi onamandla. Awu, waza walavuza kambe! Ukholose ngabani undivukela nje?

6. Jonga, ndiyazi ukuba uthembele ngeJiputa. Xa ingubani yona, umsimelelo ofana nengcongolo entlekekileyo, ojika uhlabe izandla zomntu osimelela ngawo, umtsho abe namanxeba. Ewe, unjalo ukumkani waseJiputa; ubenjenjalo bonke abakholosa ngaye.

7. Mhlawumbi ke uthi: “Hayi, thina sikholose *ngoNdikhoyo uThixo wethu.” Kanene lowo asingulo uHezekiya amdilizele iindawo eziphakamileyo zonqulo, wabhangisa namaqonga amadini akhe, esithi kuJuda neJerusalem: “Yizani kunqula kwiqonga eliseJerusalem kuphela”?

8. “ ‘Hayi bo! Yiza kaloku, ukhe umiselane nenkosi yam, umhlekazi ukumkani waseAsiriya. Ndokunika amawaka amabini amahashe ukuba unganabo abakhweli.

9. Kuxa ungubani wena? Akunakuthelekiswa naso nesiveke-veke kumajoni aseAsiriya, noba ungade ukholose ngeenqwelo namahashe aseJiputa.

10. Kakade ke, uthi ndifane ndeza kuhlasela ukuze nditshabalalise ndibhuqe konke apha ndingayalelwanga nguNdikhoyo? Hayi, nguNdikhoyo ngokwakhe othe mandingene apha, ndilitshabalalise eli lizwe!’ ”

funda isahluko epheleleyo Uisaya 36