Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 30:26-33 Ibhayibhile (XHO96)

26. Inyanga yoqaqamba njengelanga, ke lona ilanga liqaqambe ngokuphindwe kasixhenxe, kube ngathi kubandakanywa ukukhanya kweentsuku ezisixhenxe ndawonye. Koba njalo ke mhla uNdikhoyo wawabopha amanxeba awenze kubantu bakhe, azihlambe neenduma zabo.

27. Nango amandla nobungangamsha,*obukaNdikhoyo buthi gqi kwelikude;intshinyela yomsi idiza ingqumbo yakhe,ubebezelis' imilebe ngumsindo,ulwimi lulatyuzelis' amalangatye.

28. Umphefumlo wakhe ukhukulisa njengomlambo,ngathi ngumlamb' ozele wada watyekeza,uhluz' izizwe ngentshabalalo,uzirhintyela ngomkhala wolahlekiso.

29. Ke nina niya kuchulumacha,nintyiloze nimemelele ngathi kungobusuku bamatheko amiselweyo.Niya konwaba ngathi ningabantu abaya endlwini kaNdikhoyo,bevuma bekhatshwa ngamaxilongo:uNdikhoyo ixhadi likaSirayeli.

30. Wonke umntu uya kukuva ukuhlokoma kwelizwi likaNdikhoyo,ngokunjalo azive nezabhokhwe zengqumbo yakhe.Kuya kubakho amadangatye nogqabhuko-mafu,isichotho nezandyondyo zemvula.

31. Ilizwi likaNdikhoyo liya kumrhwaqelisa uAsiriya,intonga yakhe imkhahlele phantsi.

32. Wothi ephindelela nje uNdikhoyo ukuwohlwaya ama-Asiriyangaloo nduku yakhe yesohlwayo,babe bona abantu bakhe bentyilozabengqungqa ngamagubu neekatala,abe yena esilwa nawo.

33. Kambe ke kudala lalungiswayo labaswa iziko,iziko ekuya kutshiswa kulo ukumkani waseAsiriya.Yinzongo-nzongo yomngxuma obanzi,iinkuni zifunjwe zayintaba.Ke yena uNdikhoyo wosuka avutheleatsho ngomlambo wedangatye,unqanqaze umlilo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 30