Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 30:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo uthethe wenjenje:“Libhek' umoya kusapho olunenkani,abo benza izigqibo ngaphandle kwam,abenza izivumelwano ngaphandle kwam;izono zabo ziyelekelana.

2. Bona basuka babhenela eJiputa;abanaxesha lokubuzisa kum.Nto bayifunayo kukukhuselwa yiJiputa;nto bayingxameleyo liphiko lokumkani walapho.

3. Ukhuselo lweJiputa yimpoxo yodwa;nto ningayizuzayo kukuhlazeka kuphela.

4. Bona banawo amagosa eZowan,banabo noonozaku-zaku eHanes,

5. kambe ke wonk' umntu uya kuphoxekangenxa yesi sizwe singento yanto,isizwe esingenaluncedo nacebongaphandle kwamahlazo namanyondololo.”

6. Nalu ke udaba olundilisekileyo mayela nezilo zentlango yasezantsi:Oonozaku-zaku bacanda kweleembandezelo neengozi,kwilizwe abakrotywa ziingonyama,apho kuphithizel' iinyok' ezinobuhlungu,zikwalapho nezitshu zamagongqongqo.Iidonki neenkamela zabo ziyasuntsubalayimithwalo ezizipho ezixabisekileyo,ziphiwa isizwe esingento yanto.

7. Kaloku iJiputa ize, ayinaluncedo mpela;yiyo loo nto ndiyibiza ngokuthi nguRahabhi ongenamsebenzi,nditsho ikhwang' elinqunyulwe neempondo.

8. UThixo wandiyalela wathi:“Krola ecwecweni, ubhale encwadini,obo ibe bubungqina obuhlala buhleli.

9. Aba ngabantu abangalawulekiyo,sisizukulwana esinenkohliso,abantu abangazimisele kuphulaphula,abayichasayo ingqeqesho *kaNdikhoyo.

10. Kubashumayeli bathi:‘Yithini cwaka ngemibono!Sanukusifundekela ngeemfanelo zethu!Sithuthuzeleni sihlale sinje;siboneleni okungamampunge.

11. Sudukani, sanukuxaba endleleni;asifuni nokuva ngoYedwa uThixo kaSirayeli.’ ”

12. Ngoko ke uYedwa kaSirayeli uthi:“Ngokuba ningaluvumanga olu daba,koko nisuke naqamela ngenkohliso nengcinezelo,

13. ngoko ke anikho lityala,nifana nqwa nodonga oluphakamileyoolunenkenkewula yethanda;ewe, sekulindeleke isithonga nanini na.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 30