Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 3:4-13 Ibhayibhile (XHO96)

4. UNdikhoyo uya kubayekela abantu balawulwe ngamakhwenkwe,amagosa abo abe ngabantu abangenankathalo.

5. Kaloku abantu baya kuxhaphazana,ibe nguwashiywa nowashiywa,nakubamelwane kube kwanjalo,nabantwana bangabahloneli abadala,nabaphantsi bangazikhathaleli izihandiba.

6. Ewe, liyeza ixesha apho abendlu enye baya kunyanzelana bathi:“Ngokuba wena unawo nomnwebangoko ke sikhokele kuwo lo mbodamo.”

7. Kambe ke lowo uya kuphendula athi:“Hayi, ndiyekeni, andinako mpela mna.Ndiyimpula kalujaca; andinakutya nazambatho;ngoko ke andinako ukunikhokela.”

8. Kaloku iJerusalem iyafadalalanelakwaJuda livuthulukile.Kaloku ukuthetha nokwenza kwabo kusoloko kuchasene noNdikhoyo.UThixo bamdelile; abamazele nto mpela.

9. Ubutyala babo abufihlakali;kaloku banjengeSodom, badlisela ngokona.Futhi ke abanazazela ngaloo nto;ewe, kunyembelekile kubo!Isikhuni sibuye nomkhwezeli.

10. Kambe ke, hayi inyhweba yâbo balungisayo!Bona baya kuxhamla iziqhamo zemisebenzi yabo.

11. Kodwa ke kunyembelekile ngakwizikhohlakali,kuba zojikelwa kwazizenzo zazo.

12. Abantu bam baxhatshazwa naziimveku,bade balawulwe nangabafazi.Ewe, lusapho lwam, iinkokheli zenu ziyanintlokothisa;senide nadideka, anayazi nemaniyenze.

13. Ngoku *uNdikhoyo uzimisele ukuxoxa;seleza kugweba iintlanga.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 3