Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 25:6-12 Ibhayibhile (XHO96)

6. Izizwe zonke zehlabathi *uNdikhoyo uSomandla-onke wozenzela isidlo eZiyon;sidlo eso soba zezona zimuncu-muncu,nditsho eyona inencasa inyama nesiqhoqhololo sewayini.

7. Kule ntaba wolisusa ilifu elimnyama elasoloko ligubungele izizwe.

8. Ewe, uMhlekazi uNdikhoyo uya kukuphelisa tu ukufa,neenyembezi azisule kubo bonke abalilayo.Nengcikivo nokuhlazeka kwabantu bakhe wokuphelisa jikelele ehlabathini.Kaloku uthethile uNdikhoyo!

9. Ngelo thuba bonke baya kuthi:“Ngenene nguThixo wethu lo!Sakholosa ngaye wasihlangula.NguNdikhoyo lo!Ngenene sikholose ngaye,ngoko ke ngoku masonwabe,ngoku ke masibe nemihlali,kuba yena usihlangule.”

10. Amandla kaNdikhoyo obonakala kule ntaba.AmaMowabhi aya kuxovulwa ngeenyawooku komgquba ebuhlanti.

11. Okhweba ngezandla ngathi ayadada;kambe konke kungancedi nto –uThixo wosuka awathobe,lihle elo kratshi lawo.

12. Loo mapomakazi eenqaba,loo mihalambela yeendonga,uya kuwadiliza awe bhaxa!

funda isahluko epheleleyo Uisaya 25