Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 22:19-24 Ibhayibhile (XHO96)

19. UNdikhoyo uza kukukhiqa kwesi sihlalo ukuso, utsho uwe bhaxa.”

20. INkosi yaqhuba yathi: “Kuya kuthi ke kwakuba kunjalo, ndibize isicaka sam uEliyakim unyana kaHilekiya.

21. Ndiya kuwunika yena umnweba osisivatho sakho, ndawonye nebhanti obhinqa ngayo, nawo onke amagunya onawo. Ke yena uya kuba nguyise kubantu baseJerusalem nabakwaJuda.

22. Yena ndiya kumnika lonke ulawulo kumzi kaDavide. Ngenene uya kuba ngunozitshixwana, abe yinqwayi-ngqwayi evula kungavali mntu, into evala kungabikho mntu unokuvula.

23. Ndiya kummisela ndimbethelele njengesikhonkwane esiqinileyo, abe ngumthombo wesidima kumawabo.

24. Kambe ke izizalwane zakhe ziya kuba luxanduva lwakhe. Amawabo aya kumbhubhuzelela, atsho azive esindwa.”

funda isahluko epheleleyo Uisaya 22