Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 2:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. Olu ludaba olwatyhilelwa uIsaya unyana ka-Amozi ngokuphathelele kuJuda neJerusalem:

2. Ke kaloku ngemihla yokugqibelaintaba emi kuyo indlu *kaNdikhoyoiya kuba yeyona ibalaseleyo,izikrobele zonke iinduli;nezizwe zonke ziya kugxalathelana ukuya kuyo.

3. Ewe, abantu abaninzi baya kuza, bathi:“Yizani siye entabeni kaNdikhoyo,endlwini kaThixo kaYakobi.Yena wosifundisa iindlela zakhe,ukuze thina sihambe ngazo.”Kaloku umthetho wophuma eZiyon,liphume eJerusalem ilizwi likaNdikhoyo.

4. Nguye oya kugweba phakathi kwezizwe,abe ngumlamli phakathi kweentlanga ngeentlanga,wona amakrele azo ziwenze amakhuba,yona imikhonto ibe zizitshetshe zokuthena imithi.Kaloku izizwe soze ziphinde ziqulelane ngamakrele,zingasayi kuze ziphinde ziyiqeqeshelwe imfazwe.

5. Ngoko ke, nzala kaYakobi,yizani sihambe ngokukhanya okuvela kuNdikhoyo!

6. Kambe ke wena, Thixo wethu,ubalahlile abantu bakho,nditsho indlu kaSirayeli!Kaloku bathene nca nezangoma –ezasempuma nezo zaseFilistiya –bayavumisa batsho ngehlombe bekunye neentlanga.

7. Nelizwe labo liphuphum' isiliva negolide;ubutyebi babo abunambaliso.Nomhlaba wabo uzele ngamahashe;yinyambalala iinqwelo zabo zemfazwe.

8. Awu! Asiyomifanekiso kwilizwe labo!Kaloku bakhahlela kwaizinto ezenziwe kwangabo;banqula umsebenzi wezandla zabo.

9. Ewe, uluntu luphuthile,ngenene abantu bahlazekile.Ngoko ke ungaze ubaxolele!

10. Ke bona baya kuzifaka emaweni,bazimele baziqhusheke nasemhlabeni,kuba besoyika ingqumbo *kaNdikhoyo,bebaleka ukukhazimla kobungangamsha bakhe.

11. Ikratshi lomntu lihlalele ukuphuthiswa,nokukhukhumala kwakhe kuthotywe.Ngaloo mini ke nguNdikhoyo yedwa oya kubalasela.

12. Kaloku uNdikhoyo onamandla onke uwumisile umhla wembubho;baya kuthi shuu abanekratshi nabaziphakamisayo,nditsho abaqwanyileyo nabaqhoshayo.

13. Uya kuyincothula naloo misedare mide yaseLebhanon,ayitoncule naloo mioki yaseBhashan.

14. Uya kuzibhukuqa neenkaba-nkaba zeentaba,azilebele neencochoyi zeenduli.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 2