Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 14:25-30 Ibhayibhile (XHO96)

25. Ndiza kuwavikiva ama-Asiriya kweli lizwe,ndiwanyhashe tu entabeni yam,idyokhwe yawo yahlukane nabantu bam,usuke umthwalo emagxeni abo.

26. Ezi ke ziinjongo zam mayela nehlabathi jikelele;ingalo yam ijinga phezu kwezizwe zonke.”

27. UNdikhoyo uSomandla-onke ezimisele nje ke,ngubani ongema ngaphambili?Xa eyolule ingalo yakhe,ngubani ongabuya amjike?

28. Nalu udaba olundilisekileyo olwavakala nyakana wasweleka ukumkani uAhazi:

29. Ke wena, Filistiya, yithi rhubaxa!Ewe, musa ukuzikhohlisa uthi:“Intonga ebendibethwa ngayo yaphukile,”kuba kwakuloo mnombo kosuka kuthi gqi irhamba;inzala yalo ke inobuhlungu kangako.

30. Aya kuhlutha amahlwempu abantu bam,abahlelelekileyo bahlale bekhuselekile,ke wena ndikugengqe ngendlala,kungasali nditsho nempunde le!

funda isahluko epheleleyo Uisaya 14