Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 13:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mayela neBhabheli nalu udaba olundilisekileyo awalutyhilelwayo uIsaya unyana ka-Amozi:

2. Misani intshinga kwinduli ebharhileyo,nidanduluke nihlab' umkhosi,niwubize niwukhwebe umkhosi,nize kungena emasangweni ezikhulu.

3. Mna *Ndikhoyo ndiwagunyazisile onke amafa-nankosi;ndithe makeze amagorha am,abo bavuyisana noloyiso lwam,khon' ukuze bathulule umsindo wam.

4. Yaz'ba ngawani na loo mayeyeye avakalayo?Ezintabeni phaya ngathi lugxudululu oluxokozelayo.Ewe, izirhulumente ziyaphithizela;nâzo izizwe zona ziqokelelana.Ke yena uNdikhoyo uSomandla-onke selehlab' umkhosi.

5. Nantso imikhosi ivela kwelikude,iphuma eziphelweni zehlabathi.UNdikhoy' uyaxhakazela zizixhobo;uza kulivuthulula lonke ilizwe.

6. Hlahlamba ke, utsho ngesikrakra.Kaloku imini kaNdikhoyo isemnyango!Yogaleleka ipheth' intshabalalo evela kuSomandla.

7. Ke zona izandla zitsho zanomkhinkqi.wonk' umntu wangenwa yintaka.

8. Bonke ke bosuka bee nkamalala;bosuka babhinyalaze bezibhija-bhija;bopena-pena ngathi ngumfazi olunywayo.Baya kukrwaqulana bethe khumnqa;ewe, boba sebenyoshoza ziintloni.

9. Ngenene imini kaNdikhoyo ifikile;yona yimin' enzima yengqumbo,elo lizwe loxusheka litsho libe yinkangala;bonke abakhohlakeleyo kulo batshatyalaliswe.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 13