Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 11:6-12 Ibhayibhile (XHO96)

6. Itakane legusha lobutha ndawonye nengcuka,itakane lebhokhwe liphumle kunye nehlosi.Amathole eenkomo naweengonyama aya kuvana;ewe, wona aya kwaluswa nangumntwana.

7. Edlelweni kodibana imaz' enkomo neyebhere,aze amathole azo ahlalisane ngoxolo,njengenkomo ingonyama nayo itye ingca.

8. Nosana lodlala emngxunyeni wephimpi,umntwana ufike exhokonxa irhamba.

9. EZiyon, intaba ekhethekileyo, akusayi kubakho owonayo notshabalalisayo;njengolwandle lwambathiswe ngamanzi, ehlabathini uNdikhoyo uya kwaziwa jikelele.

10. Ke kaloku ngaloo mihla lowo ungumnombo kaJese uya kuba yimbasa yezizwe. Zona ziya kuqokelelana kuye komkhulu, lize ibhotwe lakhe libe nendili.

11. Ngelo thuba ke iNkosi iya kuphinda iligqogqe xa lilonke, ifuna amasalela abantu bayo, khon' ukuze iwabuyisele ekhaya. Iya kuwathatha eAsiriya, eJiputa nasePatros, eKushe, e-Elam naseShinare, eHamati nakumazwe aselunxwemeni, ide ithi xhaxhe ngeziqithi.

12. Ewe, izizwe iya kuzihlabela umkhosi,ize iziqokelele iimbacu zikaSirayeli,ibahlanganise abo baziintsali bakwaJuda,ibakhulule kumagumb' omane ehlabathi.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 11