Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 11:11-16 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ngelo thuba ke iNkosi iya kuphinda iligqogqe xa lilonke, ifuna amasalela abantu bayo, khon' ukuze iwabuyisele ekhaya. Iya kuwathatha eAsiriya, eJiputa nasePatros, eKushe, e-Elam naseShinare, eHamati nakumazwe aselunxwemeni, ide ithi xhaxhe ngeziqithi.

12. Ewe, izizwe iya kuzihlabela umkhosi,ize iziqokelele iimbacu zikaSirayeli,ibahlanganise abo baziintsali bakwaJuda,ibakhulule kumagumb' omane ehlabathi.

13. Losuka liphele tu ikhwele likaSirayeli,abo balwa noJuda banqanyulwe.USirayeli akasayi kuba sammonela uJuda,noJuda akasayi kuba samdlakathisa uSirayeli,

14. koko bosuka bahlanganisane barhawuleentshonalanga kwezo nduli zamaFilistiya,empumalanga baxhaphaze amaxhoba bekunye.Baya kuhlasela amaEdom namaMowabhi;ke wona ama-Amon oba sesandleni sabo.

15. *UNdikhoyo uya kubetha kome khonkqo phaya kwinyoba yoLwandle oluBomvu;ngaloo moyakazi unolophu kunene uya kuwuphekuza utshe umEfrati,utsho usale uziintlanjana ezisixhenxe,wonke ubani abe nokuqakatha awele.

16. Nanko uhola wendlela ephuma kwelaseAsiriyakhon' ukuze amasalela abuye ngaye;ewe, kaloku, koba njengamhla-mnene,mhla uSirayeli waphum' eJiputa.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 11