Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 10:21-34 Ibhayibhile (XHO96)

21. Amasalela endlu kaSirayeli aya kubuyela kwigorha elinguThixo wawo.

22. Nangona nje ngoku amaSirayeli ebonakala eyinyambalala enjengeenkozo zentlabathi eselunxwemeni lolwandle, kuphela yimbinana nje eya kusinda ibuye. Kaloku phezu kwawo kulenga-lenga intshabalalo – ibe ifanele ke phofu.

23. UMhlekazi iNkosi uNdikhoyo onamandla onke uzimisele ukuwacim' igama ehlabathi ngokomlomo wakhe.

24. Ngoko ke itsho iNkosi *uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Hayi nina, lusapho lwam lumi eZiyon, ze ningabi nadyudyu ngama-Asiriya la, noba angade aniphakele ingcinezelo enjengaleya nayifumana kumaJiputa.

25. Kaloku kukancinane nje uphele umsindo wam ngakuni, ndandule ke ukuwavuthulula ndiwatshabalalise.

26. Mna Ndikhoyo onamandla onke ndiya kuwathwaxa kwangalaa ndlela ndawabetha ngayo amaMidiyan kwiliwa laseOrebhe. Isohlwayo sam kuma-Asiriya yoba kwaseso ndawabetha ngaso namaJiputa.

27. Ngaloo mini luya kuxibilika uxanduva olusemagxeni enu, le dyokhwe niyinikwe ngama-Asiriya itsho ivikiveke, kuba kaloku nikhule nada nomelela.”

28. Izwe lifile, ziyanqoza eAyi;ewe, nâlo lugqitha ngeMigron,kanti imiphako luyishiye eMikmas.

29. Kubi, nantso iqabel' enkalweni,ngobusuku yanqumama eGebha phaya.Abemi baseRama batsho bankwantya,iGibheya yakuloSawule ke yona nantso igil' izicithi isaba!

30. Yitsho ngentsholo, wena Galim;ke wena, Layisha, phulaphula;uphendule ke nawe, Anatoti.

31. Kaloku abemi baseMadema bayasaba;bona abaseGebhim bayazisindisa.

32. Namhlanje nâlo luphuml' eNobhi;ewe, nalo lutyityimbis' umnwe,lukhomba intaba iZiyon eJerusalem.

33. UMhlekazi *uNdikhoyo onamandla onkewosuka ke abathi fohlo-fohlongathi ucwaba amasebe omthi.Izikhulu ndawonye nezikhakhamelanazo zovikivwa ziwe bhaxa.

34. Uya kuzigeca ngezembe uSomandla,abe ngathi utshitshisa ihlathi,loo mihalambela yemithi yaseLebhanon.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 10