Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 9:3-14 Ibhayibhile (XHO96)

3. Kambe ke nina niza kuzibonela ngokwenu, kuba *uNdikhoyo uThixo wenu uza kunandulela engumlilo odangazelayo. Ezo zizwe úya kuzoyisa azithobe, nize nina nizigxothe nizitshabalalise ngokukhawuleza ngokwesithembiso sakhe.

4. “Xa uNdikhoyo uThixo wenu selenigxothele ezi zizwe, ze ningacingi ukuba nifanelekile. Hayi, akunjalo, nto nje uNdikhoyo ezigxotha nje ezi zizwe kungenxa yenkohlakalo yazo.

5. Isizathu asikuba nina nilungile, nigqibelele, le nto uNdikhoyo anivumeleyo nawuthatha umhlaba yazo, nangenxa yokuba ezimisele ukusigcina isithembiso awayesenze nooyihlo-mkhulu ooAbraham, uIsake, noYakobi, ngokufunga.

6. Ngenene mayicace mhlophe into yokuba uNdikhoyo uThixo wenu eninika eli lizwe lihle kangaka nje akukho ngenxa yobulungisa benu, kuba kambe nina nisisizwe esineenkani.

7. “Nokhumbula kaloku ukuba nina namcaphukisa uNdikhoyo uThixo wenu entlango. Ukusukela kwimini enemka ngayo eJiputa nada naza kufika apha, namvukela okokoko.

8. Nakwintaba iHorebhe namcaphukisa, wada waphantse wanitshabalalisa uNdikhoyo.

9. Ndenyuka entabeni, ndisiya kuphuthuma amacwecwe amatye apho wawubhalwe khona umnqophiso awenze nani uNdikhoyo. Ndahlala apho ke amashumi amane eentsuku nobusuku bazo, ndingatyi ndingaseli.

10. UNdikhoyo ke wandinika amacwecwe amabini amatye apho wayeyibhale khona ngesakhe isandla yonke into awayithethayo apho entabeni ngokuya wayeselangatyeni lomlilo, mhla ngembizo.

11. Ewe, emveni kwezo ntsuku zimashumi mane nobusuku bazo, uNdikhoyo wandinika amacwecwe amabini amatye apho wayewubhale khona umnqophiso.

12. “Ke kaloku uNdikhoyo wathi: ‘Khawuleza uhle, kuba abantu bakho owabakhokela uphuma nabo eJiputa bonile. Ngokukhawuleza nje sebephumile endleleni endabayalela yona; ngoku bazenzele umfanekiso otyhidiweyo.’

13. “UNdikhoyo wathi: ‘Ndiyabazi aba bantu ukuba neenkani kwabo.

14. Ngoko ke ndiyeke ndibatshabalalise nya, ndilicime igama labo ehlabathini. Ke wena ndiya kukwenza ube sisizwe esikhulu nesomeleleyo kunabo.’

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 9