Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 9:15-29 Ibhayibhile (XHO96)

15. “Ngoko ke ndehla apho entabeni, ndiphethe loo macwecwe mabini amatye apho wawubhalwe khona umnqophiso. Ke kaloku intaba leyo yayidangazela umlilo.

16. Ndathi ndakukhangela ndabona ukuba nimvukele uNdikhoyo uThixo wenu; nonile nazityhidela umfanekiso wenkunzi yenkomo; ewe, ngokukhawuleza nje seniphumile endleleni enaniyalelwe yona nguNdikhoyo.

17. Ngoko ke ndawathatha loo macwecwe, ndawaphosa phantsi apho phambi kwenu, ophuka aba ziingceba.

18. “Kwakhona ke ndazikhahlela phantsi phambi koNdikhoyo amashumi amane eentsuku nobusuku bazo, ndingatyi ndingaseli. Le nto ke ndayenza kuba nina nanimonile kakhulu namcaphukisa ngobubi enabenzayo uNdikhoyo.

19. Ndandisoyika gqitha, kuba uNdikhoyo wayekhathazekile, ecaphuka kangangokuba waphantse wanitshabalalisa. Kambe ke nangeso isihlandlo uNdikhoyo wandiphulaphula.

20. UNdikhoyo wayecatshukiswe kakhulu nanguAron, yaye ke naye wayeseza kumtshabalalisa, koko ke naye ndamthandazela kwangelo thuba.

21. Lona ke elo sikizi nanizenzele lona – nditsho loo nkunzi yenkomo nanizityhidele yona – ndayithatha ndayiphosa emlilweni. Ndaza ke kamva ndayikroboza ndayicola yangumgubo, ndaza ndawugalela kumlanjana owawuphuma apho entabeni.

22. “Kaloku naseTabhera, eMasa, naseKibroti-hatava namcaphukisa uNdikhoyo uThixo wenu.

23. NaseKadeshe-bhaneya wathi akuniyalela ukuba ningene niwuthathe loo mhlaba wayenipha wona namvukela, anakholosa ngaye nimthobele.

24. Okoko ndanaziyo mna nasoloko nivukelana naye uNdikhoyo.

25. Ewe, kuloo mashumi mane eentsuku ndahlala ndizikhahlele phantsi phambi koNdikhoyo, kuba ndandisazi ukuba seletshilo ukuthi uza kunitshabalalisa.

26. Ndadanduluka ndathi: ‘Awu, Ndikhoyo, Nkosi yam! Ndiyakubongoza, musa ukubatshabalalisa abantu abalibango lakho, owabahlangula wabakhulula ngamandla obungangamsha bakho kwelaseJiputa.

27. Khawukhumbule izicaka zakho, ooAbraham, uIsake, noYakobi, ungabasi so aba bantu baneenkani, bazizikhohlakali ezigwenxa,

28. okanye amaJiputa osuka athi: “UNdikhoyo wayengenako ukubathatha abantu bakhe abase kwelo lizwe wayebathembise ngalo. Kungenxa yokuba ebathiyile ukuze emke nabo aye kubaphosa entlango, khon' ukuze ababulale khona.”

29. Andithi na kaloku, Nikhoyo, aba ngabantu abalibango lakho, abantu bakho ncakasana, owabakhulula ngamandla obungangamsha bakho kwelaseJiputa?’ ”

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 9