Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 8:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Niyabona ke, le miyalelo ndininike yona namhlanje ze niyithobele kangangoko, khon' ukuze niphile nande, ningene kwelo lizwe wabathembisa ngalo ngesifungo uNdikhoyo ooyihlo.

2. Ngamana aningeyilibali indlela anikhokele ngayo uNdikhoyo uThixo wenu kolu hambo lude kangaka ukucanda intlango, kula mashumi mane eminyaka, enifundisa intobeko, enilinga khon' ukuze aqonde ukuba niza kuyithobela kusini na imiyalelo yakhe!

3. Wanithoba eniyekela ngendlela, waza kananjalo wanipha *imana, kutya oko naningakwazi, nina ngokunjalo nooyihlo-mkhulu. Le nto ke wayenza kuba efuna niqonde nazi ukuba ubomi bomntu abuxhomekanga kutyeni kuphela, koko buxhomekeke kuwo onke amazwi kaNdikhoyo.

4. Kula mashumi mane eminyaka impahla yakho yokunxiba zange iguge, kananjalo neenyawo zakho zange zidumbe.

5. “Qondani kaloku nizikise ukuba uNdikhoyo uThixo wenu uyaniqeqesha njengomzali eqeqesha abantwana bakhe.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 8