Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 7:8-22 Ibhayibhile (XHO96)

8. UNdikhoyo uninyule kuba enithanda, efuna ukusigcina isifungo awasenzela ooyihlo-mkhulu. Kwakungenxa yeso sizathu ukuze anihlangule ngamandla akhe amakhulu, anikhulule ebukhobokeni phantsi kokumkani waseJiputa.

9. Khumbulani kaloku ukuba uNdikhoyo uThixo wenu lo nguThixo ekukuphela kwakhe, kungekho wumbi ngaphaya; futhi ke uthembekile. Uyawugcina umnqophiso wakhe, futhi izibele zakhe ziphuphumela kwâbo bamthandayo beyigcina imiyalelo yakhe kuse kumawaka ezizukulwana.

10. Kambe uya kuziphindezela ngqo kwabo bamthiyileyo, abatshabalalise; ewe, akayi kulibazisa ukuziphindezela.

11. Ngoko ke wuthobeleni ngenyameko lo myalelo nale mimiselo ngokunjalo nale migaqo ndininike yona namhlanje ukuba niyenze.”

12. “Ukuba nithe nayiphulaphula nayithobela le migaqo, *uNdikhoyo uThixo wenu uya kuthi rhoqo ukuwugcina umnqophiso wakhe nani, zithi ke nezibele zakhe ziphuphumele kuni ngokwesifungo sakhe kooyihlo.

13. Uthando lwakhe uya kulubonakalisa kuni, anithamsanqele kangangokuba niqhame nande. Intsikelelo yakhe yofikelela kuni, nizale abantwana, nasemasimini enu nivune ukudla okwaneleyo: okuziinkozo, iwayini, neoyile. Kanti ke neenkomo zenu uya kuzandisa, nditsho nempahla yenu emfutshane ngokunjalo. Yonke ke le nto uya kunenzele kwelo lizwe wanithembisa ngalo kooyihlo-mkhulu ngesifungo.

14. Ehlabathini liphela akuyi kubakho sizwe sithamsanqeleke njengani. Phakathi kwenu soze abekho umntu ngokunjalo nemfuyo engazaliyo.

15. UNdikhoyo uya kunikhusela kuzo zonke izifo; soze aniyekele ngezifo ezifana nezo zoyikekayo zaseJiputa, kambe ke zona iintshaba zenu uya kuzibetha ngezi zifo.

16. Ze nizitshabalalise zonke izizwe azinikele kuni uNdikhoyo uThixo wenu, ningazenzeli nceba konke-konke. Ze ningazikhonzi izithixo zazo, kuba ngokwenjenjalo noba nizenzela umgibe.

17. “Nisenokuthi ekucingeni kwenu: ‘Ezi zizwe zikhulu kunathi; soze sizoyise.’

18. Kambe ze ningaxhalabi, koko khumbulani into awayenzayo uNdikhoyo uThixo wenu kukumkani waseJiputa nakwiJiputa iphela,

19. nditsho ezo zibetho zirhwaqelisayo nazibonayo ngawenu amehlo: loo miqondiso, naloo mimangaliso, ngokunjalo nobungangamsha namandla awanikhulula ngawo uNdikhoyo uThixo wenu. Uya kwenjenjalo ke nakwezi zizwe nizoyikayo.

20. Ewe, abo baseleyo kuzo uNdikhoyo uThixo wenu uya kubathumela ngoonomeva, abagubhulule apho bazimeleyo khona, batshabalale.

21. Ngoko ke sanukunkwantya ngenxa yaba bantu, kuba uNdikhoyo uThixo wenu unani, abe ke yena unguThixo omkhulu orhwaqelisayo.

22. Ekungeneni kwenu uNdikhoyo uThixo wenu uya kuzigxotha ngokuzigxotha ezi zizwe. Aniyi kusuka nizitshabalalise ngaxesha-nye, kuba ngaloo ndlela angasuka ande amarhamncwa, ke nina nibe semngciphekweni.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 7