Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 6:7-21 Ibhayibhile (XHO96)

7. Uze uyibethelele ekufundiseni abantwana bakho, uthethe ngayo xa usekhaya, kanti noba useluhambeni, naxa ulalayo, ngokunjalo naxa uvukayo.

8. Uze uyiqhinele ibe ngumqondiso esandleni sakho, ngokunjalo nasebunzi, khon' ukuze ihlale isisikhumbuzo.

9. Uze uyikrole emigubasini, ngokunjalo nasemasangweni akho.”

10. “Ngokwesifungo sakhe kookhokho benu, uAbraham, uIsake, noYakobi, *uNdikhoyo uThixo wenu uya kuninika ilizwe elizixeko zihle zikhulu, nangona phofu ungazakhanga ngokwakho.

11. Izindlu zakhona ziphuphuma ubuyoko-yoko ongabulalekanga ngabo. Uya kufumana amaqula aselembiwe, ngokunjalo nezidiliya nezinquma esezityaliwe. Xa sowusitya uhlutha

12. uze ulumke hleze umlibale uNdikhoyo owakukhulula ulikhoboka kwelaseJiputa.

13. “Uze umhlonele uNdikhoyo uThixo wakho, ukhonze yena yedwa, izifungo zakho uzenze ngegama lakhe.

14. Ungaze ulandele *thixo wumbi, nditsho nowezo zizwe zikuphahlileyo,

15. hleze umsindo kaNdikhoyo uvuthe, anitshabalalise ningabikho kulo mhlaba. Kaloku uNdikhoyo uThixo wakho ohlala phakathi kwenu nguThixo onekhwele.

16. “UNdikhoyo uThixo wenu ze ningamlingi njengoko nênzayo eMasa.

17. Iziyalo nezicwangciso ngokunjalo nemimiselo eniyinikwe nguNdikhoyo uThixo wenu ze niyithobele ngenyameko.

18. Kuphela ze nenze ezo zinto athi uNdikhoyo zintle zilungile, khon' ukuze nilungelwe. Xa nisenjenjalo ke noba nako ukulizuza elo lizwe lihle kunene lathenjiswa nguNdikhoyo kookhokho benu ngesifungo.

19. Noba nako ukuzigxotha iintshaba zenu ngokwelizwi lakhe.

20. “Kaloku kumaxesha ezayo unyana wakho uya kukubuza athi: ‘Kwakutheni ukuze uNdikhoyo uThixo wethu akunike ezi zicwangciso nale mimiselo, nale migaqo nje?’ Ke wena uze umxelele uthi:

21. ‘Kaloku sasingamakhoboka ekumkani yaseJiputa, waza ke uNdikhoyo wasikhulula ngamandla akhe amakhulu.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 6