Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 6:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Nanku ke umyalelo, imigaqo, nemimiselo endithunywe *nguNdikhoyo uThixo wenu ukuba ndinifundise yona. Ngoko ke ze niyithobele nakufika kwelo lizwe niya kulo.

2. Ngalo lonke ithuba lobomi bakho, wena nezizukulwana zakho, kufuneka nimhlonele uNdikhoyo uThixo wakho, uyithobele imithetho nemiyalelo yakhe endikunike yona, khon' ukuze ube nokuxhamla ubomi obude.

3. Hoyina, maSirayeli! Yiphulaphuleni niyithobele le miyalelo! Xa niyenzile ke loo nto nolungelwa nande kakhulu kwelo lizwe lendyebo eliphuphuma ubisi nobusi, elo nilinikwa ngokwesithembiso sikaNdikhoyo uThixo wooyihlo.

4. “Hoyina, Sirayeli! UNdikhoyo nguThixo wethu, uNdikhoyo yedwa qwaba!

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 6