Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 5:25-33 Ibhayibhile (XHO96)

25. Kodwa ke, ngani ukuba sizibeke emngciphekweni wokufa? Hayi bo! Laa ntleke-ntleke yomlilo iya kusitshabalalisa. Singafa ukuba uthe waqhubela phambili uNdikhoyo uThixo wethu ukuthetha nathi.

26. Ngaba kukho mntu ukhe waphila akuba eve uThixo ophilayo ethetha njengoko thina simvileyo elangatyeni lomlilo?

27. Hayi, Mosis, makuye wena, ukuphulaphule konke akuthethayo uNdikhoyo uThixo wethu; uze ke ubuye uze kusixelela. Ke thina siya kuphulaphula simthobele.’

28. “Ke kaloku uNdikhoyo wathi akukuva ukuthetha kwenu, wathi kum: ‘Ndiyivile into ethethwa ngaba bantu; ndiyayamkela.

29. Akwaba bebeya kusoloko benezimvo ezinje! Akwaba bebeya kuhlala bendihlonipha bayithobele imiyalelo yam, khon' ukuze balungelwe bona nezizukulwana zabo naphakade.

30. Yiya utsho kubo babuyele emizini yabo.

31. Kambe ke, wena Mosis, sala apha kunye nam, ukuze ndikunike imiyalelo, nemimiselo, nemigaqo, uze uwafundise ke amaSirayeli, khon' ukuze ayithobele kwelo lizwe ndiwapha lona.’

32. “MaSirayeli, noba sekutheni yenzani yonke into aniyaleleyo uNdikhoyo uThixo wenu. Yithobeleni yonke imithetho yakhe ningayityesheli nakancinane.

33. Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze nizinze kwelo lizwe ningena kulo, nixhamle intlala-kahle nide nikhokhobe.”

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 5