Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 5:18-24 Ibhayibhile (XHO96)

18. “ ‘Musa ukukrexeza.

19. “ ‘Musa ukûba.

20. “ ‘Musa ukungqina ubuxoki ngomnye umntu.

21. “ ‘Musa ukunqwenela umfazi wenye indoda; ngokunjalo nomzi wayo, nentsimi yayo, nesicaka sayo, nenkomo yayo, nedonki yayo, nayo nantoni na eyeyomnye umntu.’

22. “Nantso ke imithetho awayibhengezayo kuni uNdikhoyo xa ninonke ngokuya nanihlangene entabeni. Ewe, akukho yimbi imithetho awayivakalisayo ngokuya wayethetha ngelizwi elikhulu eselangatyeni lomlilo kwintshinyela yomsi. Ke yona wayibhala kumacwecwe amabini amatye, wayinika mna.”

23. “Kaloku xa intaba yayingumlilo nje yonke, nathi nakuliva ilizwi esithokothokweni sobumnyama, amadoda amakhulu kunye neentloko zezindlu zenu eza kum,

24. nathi: ‘*UNdikhoyo uThixo wethu usibonisile isihomo nobungangamsha bakhe; kaloku simve ethetha eselangatyeni lomlilo! Namhlanje siyaqonda ukuba kuyenzeka ukuba umntu aphile nangona uThixo athethe naye.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 5