Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 5:12-28 Ibhayibhile (XHO96)

12. “ ‘*UMhla wokuPhumla wugcine ulusuku olulodwa lwam njengoko mna Ndikhoyo Thixo wakho ndikuyalelayo.

13. Sebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho.

14. Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu. Nesicaka sakho masiphumle kwanjengawe.

15. Kaloku khumbula ukuba nawe ubulikhoboka kwelaseJiputa, ndaza ke mna Ndikhoyo Thixo wakho ndakukhulula ngamandla obungangamsha bam. Yiyo ke le nto ndikuyalela ukuba uwubeke uMhla wokuPhumla.

16. “ ‘Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko njengoko mna Ndikhoyo onguThixo wakho ndikuyalelayo, khon' ukuze ube nokuzinza uxhamle intlala-kahle kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho.

17. “ ‘Musa ukuba sisibulala-mntu.

18. “ ‘Musa ukukrexeza.

19. “ ‘Musa ukûba.

20. “ ‘Musa ukungqina ubuxoki ngomnye umntu.

21. “ ‘Musa ukunqwenela umfazi wenye indoda; ngokunjalo nomzi wayo, nentsimi yayo, nesicaka sayo, nenkomo yayo, nedonki yayo, nayo nantoni na eyeyomnye umntu.’

22. “Nantso ke imithetho awayibhengezayo kuni uNdikhoyo xa ninonke ngokuya nanihlangene entabeni. Ewe, akukho yimbi imithetho awayivakalisayo ngokuya wayethetha ngelizwi elikhulu eselangatyeni lomlilo kwintshinyela yomsi. Ke yona wayibhala kumacwecwe amabini amatye, wayinika mna.”

23. “Kaloku xa intaba yayingumlilo nje yonke, nathi nakuliva ilizwi esithokothokweni sobumnyama, amadoda amakhulu kunye neentloko zezindlu zenu eza kum,

24. nathi: ‘*UNdikhoyo uThixo wethu usibonisile isihomo nobungangamsha bakhe; kaloku simve ethetha eselangatyeni lomlilo! Namhlanje siyaqonda ukuba kuyenzeka ukuba umntu aphile nangona uThixo athethe naye.

25. Kodwa ke, ngani ukuba sizibeke emngciphekweni wokufa? Hayi bo! Laa ntleke-ntleke yomlilo iya kusitshabalalisa. Singafa ukuba uthe waqhubela phambili uNdikhoyo uThixo wethu ukuthetha nathi.

26. Ngaba kukho mntu ukhe waphila akuba eve uThixo ophilayo ethetha njengoko thina simvileyo elangatyeni lomlilo?

27. Hayi, Mosis, makuye wena, ukuphulaphule konke akuthethayo uNdikhoyo uThixo wethu; uze ke ubuye uze kusixelela. Ke thina siya kuphulaphula simthobele.’

28. “Ke kaloku uNdikhoyo wathi akukuva ukuthetha kwenu, wathi kum: ‘Ndiyivile into ethethwa ngaba bantu; ndiyayamkela.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 5