Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 4:4-8 Ibhayibhile (XHO96)

4. kambe ke nina enanibambelele kuNdikhoyo uThixo wenu nisekho unanamhla.

5. “Niyabona ke, ndinifundise yonke imimiselo nemigaqo ngokomlomo kaNdikhoyo uThixo wam, khon' ukuze niyithobele nakulizuza elo lizwe niza kungena kulo.

6. Yithobeleni niyigcine, zize ezinye izizwe ziniqonde ukuba ninobulumko nengqiqo. Zakuva ngale mimiselo ziya kutsho ukuthi: ‘Hayi, ukulumka nokuba nengqiqo kolu hlanga olukhulu!’

7. Sisiphi na esinye isizwe esikhulu kangangokuba *uthixo waso abe kufutshane kuso njengoko uNdikhoyo uThixo wethu esondele kuthi xa simthandaza?

8. Sisiphi na esinye isizwe esikhulu kangangokuba sibe nemimiselo nemigaqo enjengalo mthetho endiwaneka phambi kwenu namhlanje?

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 4