Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 4:32-49 Ibhayibhile (XHO96)

32. “Ze nifunisise nibuzise ngamaxesha amandulo ningekazalwa, de kuye kwixesha apho uThixo wadala umntu emhlabeni. Ze nibuzise ehlabathini liphela. Ngaba into enjengale yakha yehla na ngaphambili? Ngaba ukhona na umntu owakha weva ngento enjengale?

33. Ngaba sikho na isizwe esakha seva uThixo ethetha naso eselangatyeni lomlilo, saza saphila, njengani?

34. Ukhona na omnye *uthixo owakha waphuthuma abantu kwesinye isizwe, waza wabenza abakhe ncakasana? Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu amandla obungangamsha bakhe wawabonakalisa phambi kwenu; wezisa izibetho neemfazwe, wenza imiqondiso nemimangaliso, watsho kwehla izinto ezirhwaqelisayo, nto leyo wayenzayo ngenxa yenu eJiputa.

35. “UNdikhoyo unibonisile zonke ezi zinto, khon' ukuze niqonde ukuba akukho wumbi, nguye yedwa uThixo.

36. Wahlokomisa ilizwi lakhe emazulwini kuba eniqeqesha. Nathi nilapha emhlabeni wanibonisa umlilokazi wakhe, waza wathetha nani elapho kuwo.

37. Wathi ngenxa yokubathanda ookhokho benu waninyula wanikhupha kwelaseJiputa ngamandla akhe angummangaliso nangobukho bakhe,

38. waza wagxotha izizwe ezikhulu nezinamandla kunani, khon' ukuze aningenise kwimihlaba yazo, mihlaba leyo iseyeyenu unanamhla.

39. “Kuvumeni nikwamkele ukuba uNdikhoyo unguThixo wamazulu nehlabathi. Akukho Thixo wumbi ngaphandle kwakhe.

40. Yonke imimiselo nemiyalelo yakhe endininike yona namhlanje yithobeleni, khon' ukuze liqaqambe ikamva lenu nezizukulwana zenu. Ngaloo ndlela ke niya kuma ngonaphakade kweli lizwe aniphe lona uNdikhoyo uThixo wenu.”

41. UMosis ke wakhetha iidolophu zantathu ngaphesheya empuma yeJordan,

42. apho umntu wayengaphephela khona, ukuze asinde xa ebulele umntu ongelotshaba lwakhe ngengozi. Xa ebalekele kwezi dolophu wayengenakubulawa.

43. Indlu kaRhubhen wayinika idolophu yaseBhezere kweso sithabazi sentlango; indlu kaGadi yona wayinika iRamoti kwelaseGiliyadi; waza ke yona indlu kaManase wayinika iGolani eBhashan.

44-46. Ke kaloku uMosis wawandlala phambi kwamaSirayeli umthetho kaThixo, ewakhumbuza ngazo zonke izicwangciso nemimiselo nemigaqo yakhe. Kwakusemva kokuphuma kwawo eJiputa, xa ayekuloo ntili iphesheya kweJordan, malunga neBhete-pehore. Apha ke kwakukummandla owawukade ungokaSihon ukumkani wama-Amori owayehlala eHeshbhon. Kaloku uMosis namaSirayeli amoyisa ukuphuma kwabo eJiputa.

47. Bema emhlabeni wakhe, ngokunjalo nakokaOgi ukumkani waseBhashan phesheya kweJordan, owayengomnye wookumkani ababini aba bama-Amori.

48. Lo mhlaba ke wawusuka eArure ekungeneni komlambo iAnoni, ugongothe unyuke uyokutsho kwintaba iSiriyon (okanye intaba iHermon).

49. Kwangokunjalo wawuthatha nengingqi ephesheya kweJordan uhle uyokutsho kuLwandle oluFileyo, empuma uyokurheca amazantsi entaba iPisga.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 4