17. Suka waxhelel' iindimoni ezingengoThixo;izithixo awayengazazi ngaphambili,izinto ezingazange zinqulwe nangamanyange.
18. Akayikhathalelanga eyona Ngxondorha aphuma kuyo;suka wamlibala uThixo azelwe nguye.
19. Waza ke yena uNdikhoyo wakruquka,exhokonkxwa ngoonyana neentombi zakhe nje.
20. Wathi: “Ubuso bam ndiza kubufihla,ndibone ukuba loba yintoni ikamva labo;kuba basisizukulwana esigwenxa,abantwana abangathembekanga.
21. Ngezi zithixo bayandikhweletisa;ngale mifanekiso bayandixhokonxa.Nam ke ndobakhweletisa ngohlanga olungebantu bam;ndobaxhokonxa ngohlanga olungenangqondo.
22. Kaloku umsindo wam uvutha njengomlilo,udangazela kuye kuthi gaa kwelabafileyo;utshisa umhlaba nemveliso yawo,ude ulenye neziseko zeentaba.
23. “Ndobahlisela ngemfumba yezibetho,iintolo zam ndizifohlele phezu kwabo.
24. Baya kuthi shuu yindlala nephango,bacikidwe ngubhubhani nezifo-yifo,amarhamncwa abaqwengengezo ngxavula zawo,bathi nca bubuhlungu bezirhubuluzayo.
25. Ezindleleni ikrele lishiy' izigede,nasemagumbini bankwantye barhwaqele.Abafana neentombi itshoba lilal' umbethe;iintsana neengwevu nazo zithi dwe.
26. Ngendibatshabalalise kwathi tu,ababi sakhunjulwa naluluntu,
27. nto nje kuthi qath' iintshaba zabo,hleze zigcolode zide zizincome,zithi namhla zibuye noloyiso,ukanti ikwandim obathe vithe-vithe.”
28. Kwezo ntshaba umqondo tu;kwabo bantu ingqondo ti!
29. Ukuba nje bebelumkile ngebeyazi le nto,beliqonda nekamva labo.