Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 30:8-20 Ibhayibhile (XHO96)

8. wena ke ubuyele ekumthobeleni nasekugcineni le miyalelo ndikunika yona namhlanje.

9. UNdikhoyo uThixo wakho uya kukupha intlutha kuko konke okwenzayo; ùya kuphiwa inzala, ube nenyambalala yeenkomo, ngokunjalo namasimi akho achume. Kuya kuba luvuyo kuNdikhoyo ukukunika intlutha, kwanjengokuba kwakuluvuyo kuye ukwenjenjalo kooyihlo-mkhulu.

10. Kambe ke kofuneka nilithobele ilizwi likaNdikhoyo uThixo wenu, nenze ngokwale miyalelo nale mimiselo ibhalwe apha kule ncwadi yomthetho wakhe. Ngenene kofuneka nibuyele kuye ngomxhelo wenu uphela.

11. “Lo myalelo ndininika wona namhlanje ke, awunzima kakhulu, futhi ungekho ngaphaya kwamandla enu.

12. Awukho phezulu esibhakabhakeni, ukuba ningade nikhale, nithi: ‘Yaz'ba ngubani na oya kunyuka aye esibhakabhakeni asithobele wona uze kuthi, khon' ukuze sibe nokuwuva siwenze?’

13. Kwangokunjalo awukho ngaphesheya kolwandle, ukuba ningade nikhale, nithi: ‘Yaz'ba ngubani na oya kuwela ulwandle, awuthathe awusondeze kuthi, ukuze siwuve siwenze?’

14. Hayi khona, nakanye! Kaloku lo myalelo awukude kuwe: uthetha ngawo qho, uyawuthanda, uwuthobela nokuwuthobela.

15. “Uyabona ke, zikhethele namhlanje; bukho ubomi nokuhle, ngokunjalo nokufa nobubi.

16. Mna ndikuyalela namhlanje ukuba umthande uNdikhoyo uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, uyithobele uyenze imiyalelo nemimiselo nezithethe zakhe. Wakwenjenjalo uya kuphila wande, uNdikhoyo uThixo wakho akuthamsanqele kwelo lizwe ungenela ukuya kuma kulo.

17. “Kambe ke ukuba uthe wajika, wala ukuphulaphula, wawexulwa ngabanye *oothixo, wakhahlela kubo, wabanqula,

18. ndiyakuxelela ngayo yona le mini ukuba inene uya kutshabalala. Awuyi kuba nabomi bude kwelo lizwe liphesheya kweJordan ungenela ukuya kuma kulo ngoku.

19. Amazulu nehlabathi ayangqina namhlanje ukuba ndithi khetha phakathi kobomi nokufa, naphakathi kweentsikelelo neziqalekiso. Kambe ke ndithi kheth' ubomi, khon' ukuze uphile, wena nenzala yakho.

20. Mthande uNdikhoyo uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, uthi nca kuye. Kaloku nguye okunika ubomi noya kukolulela iminyaka kwelo lizwe wabathembisa ngalo ngesifungo ooyihlo-mkhulu, uAbraham noIsake noYakobi.”

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 30