Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 30:5-12 Ibhayibhile (XHO96)

5. khon' ukuze anibuyisele kumhlaba wooyihlo, ube ngowenu. Ngelo thuba uya kunithi jize ngengayiwayo yona inkqubela, futhi anandise ngokuthe kratya kooyihlo-mkhulu.

6. UNdikhoyo uThixo wakho uya kuyalùsa intliziyo yakho neentliziyo zabazukulwana bakho, khon' ukuze nimthande ngomxhelo wonke nomoya uphela, nidle ubomi.

7. Ke zona ezi ziqalekiso uya kubetha ngazo iintshaba zakho, ezo zazikutshutshisa,

8. wena ke ubuyele ekumthobeleni nasekugcineni le miyalelo ndikunika yona namhlanje.

9. UNdikhoyo uThixo wakho uya kukupha intlutha kuko konke okwenzayo; ùya kuphiwa inzala, ube nenyambalala yeenkomo, ngokunjalo namasimi akho achume. Kuya kuba luvuyo kuNdikhoyo ukukunika intlutha, kwanjengokuba kwakuluvuyo kuye ukwenjenjalo kooyihlo-mkhulu.

10. Kambe ke kofuneka nilithobele ilizwi likaNdikhoyo uThixo wenu, nenze ngokwale miyalelo nale mimiselo ibhalwe apha kule ncwadi yomthetho wakhe. Ngenene kofuneka nibuyele kuye ngomxhelo wenu uphela.

11. “Lo myalelo ndininika wona namhlanje ke, awunzima kakhulu, futhi ungekho ngaphaya kwamandla enu.

12. Awukho phezulu esibhakabhakeni, ukuba ningade nikhale, nithi: ‘Yaz'ba ngubani na oya kunyuka aye esibhakabhakeni asithobele wona uze kuthi, khon' ukuze sibe nokuwuva siwenze?’

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 30