Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 30:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Zakuba zifikile zonke ezi ntsikelelo endikuxelele ngazo, zaza zakuhlela neziqalekiso, kungenzeka ukuba uzithathele ingqalelo naphi na apho uNdikhoyo uThixo wakho athe wakusasaza khona phakathi kweentlanga.

2. Kwakuba njalo ke, wena nabantwana bakho buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu, nimthobele ngomxhelo wonke, nangomoya wenu uphela, ngokwale miyalelo ndikunika yona namhlanje.

3. Wosuka ke yena uNdikhoyo uThixo wakho abe nemfesane ngakuwe, akubuyisele ubuncwane bakho. Uya kuniqokelela anibuyise kuloo mazwe anisasaze kuwo.

4. Noba ningade nibe nisarhake naya kutsho empelazwe, yena uNdikhoyo uThixo wenu uya kuniqokelela anibuyise,

5. khon' ukuze anibuyisele kumhlaba wooyihlo, ube ngowenu. Ngelo thuba uya kunithi jize ngengayiwayo yona inkqubela, futhi anandise ngokuthe kratya kooyihlo-mkhulu.

6. UNdikhoyo uThixo wakho uya kuyalùsa intliziyo yakho neentliziyo zabazukulwana bakho, khon' ukuze nimthande ngomxhelo wonke nomoya uphela, nidle ubomi.

7. Ke zona ezi ziqalekiso uya kubetha ngazo iintshaba zakho, ezo zazikutshutshisa,

8. wena ke ubuyele ekumthobeleni nasekugcineni le miyalelo ndikunika yona namhlanje.

9. UNdikhoyo uThixo wakho uya kukupha intlutha kuko konke okwenzayo; ùya kuphiwa inzala, ube nenyambalala yeenkomo, ngokunjalo namasimi akho achume. Kuya kuba luvuyo kuNdikhoyo ukukunika intlutha, kwanjengokuba kwakuluvuyo kuye ukwenjenjalo kooyihlo-mkhulu.

10. Kambe ke kofuneka nilithobele ilizwi likaNdikhoyo uThixo wenu, nenze ngokwale miyalelo nale mimiselo ibhalwe apha kule ncwadi yomthetho wakhe. Ngenene kofuneka nibuyele kuye ngomxhelo wenu uphela.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 30