Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 3:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Ke kaloku senyuka saya eBhashan. Ke yena ukumkani uOgi waphuma nawo wonke umkhosi wakhe, wasihlasela ngase-Edreyi.

2. *UNdikhoyo ke wathi kum: ‘Musani ukumoyika; ndimnikele ezandleni zenu, ndawonye nomkhosi wakhe, nawo wonke umhlaba wakhe. Nakuye yenzani kwangaloo ndlela nenza ngayo kuSihon ukumkani wama-Amori eHeshbhon.’

3. “Ngoko ke uNdikhoyo wamnikezela kuthi nokumkani uOgi waseBhashan, saza samxabela ndawonye nabantu bakhe, akwasala namnye.

4. Ngokunjalo ke sazihlasela sazithatha zonke iidolophu zakhe, asashiya noba ibe nye. Xa zizonke yaba ziidolophu ezimashumi mathandathu yonke loo ngingqi yaseAgobhi, eyayiphantsi ko-Ogi ukumkani waseBhashan.

5. Zonke ke ezo dolophu zazinqatyisiwe zibiyelwe ngeendonga, zinamasango omelezwe ngemivalo yentsimbi; phofu zazikho needolophu ezazingabiyelwanga.

6. Zonke ke sazitshabalalisa, sabulala ndoda, mfazi, namntwana wembala, kanye kwangalaa ndlela senza ngayo kwiidolophu zikakumkani uSihon waseHeshbhon.

7. Sazithimbela iinkomo namanye amaxhoba apho ezidolophini.

8. “Ngelo thuba ke sawuthatha wonke umhlaba wezo kumkani zimbini zama-Amori, ngasempuma yomlambo iJordan, ukusuka kumlambo iAnoni ukuya kwintaba iHermon.

9. Ke intaba iHermon yayibizwa ngokuba yiSiriyon ngamaSidon, ama-Amori wona esithi yiSenire.

10. Sawuthatha wonke ummandla kakumkani uOgi waseBhashan: ezo dolophu zikuloo mathafa, ummandla waseGiliyadi naseBhashan, sada saya kutsho empuma kwiidolophu zaseSaleka nase-Edreyi.

11. “Ukumkani uOgi waba ngowokugqibela kumaRafa. Wayelala ebhedini yentsimbi. Yayiziimitha ezine ubude, zikwisithuba sesibini ububanzi. Nangoku ke isekhona kwidolophu yama-Amon iRabha.”

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 3