Iinkomo nesivuno sakho siya kuba lilifa labo, ube ke ubulawa yindlala. Aba bantu baya kutshayela konke nje: ingqolowa, iwayini entsha, amafutha omnquma, inkomo nenzala yayo, ngokunjalo negusha; ke wena ude utshabalale.