Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 28:4-19 Ibhayibhile (XHO96)

4. “Wosikelelwa, umfazi wakho azale, emasimini indyebo ibe ngako, yona imfuyo yande, kubekho amathole namatakane.

5. “Wosikelelwa, ingobozi yakho iphuphume isivuno, isitya sakho sokuxovulela sihlale sinentlama.

6. “Wosikelelwa ekuphumeni kwakho, nasekubuyeni kwakho ngokunjalo.

7. “UNdikhoyo uya kukuvathisa ngoloyiso, nditsho noba sewuhlaselwa ziintshaba. Zothi noba sezivela kwicala elithile, wena uzibethe zithi saa macal' onke.

8. “UNdikhoyo uThixo uya kuwuthamsanqela umsebenzi wakho, izisele zakho zihlale ziphuphuma. Uya kukuthi jize ngamathamsanqa kwelo lizwe akunika lona.

9. “Ukuba niyithobele imiyalelo nahamba ngokwelizwi lakhe, uNdikhoyo uThixo wenu uya kunimisela nibe ngabantu bakhe ncakasana ngokwesithembiso sakhe.

10. “Ziya kuthi ke izizwe zehlabathi, zakuqonda ukuba uNdikhoyo unenze abantu bakhe, zitsho zinihlonele.

11. “Ewe, uNdikhoyo wokuthi jize ngenkqubela, uzale abantwana, imfuyo yakho ibe namathole namatakane, amasimi akho axakathe isivuno kwelo lizwe uNdikhoyo wafunga ukubanika lona ooyihlo-mkhulu.

12. UNdikhoyo uya kuwavula amazulu ngexesha elililo, imvula ayiphokoze kuvimba wakhe, awuthamsanqele umsebenzi wakho, khon' ukuze ungasweli nto, koko ubolekis' ezizweni, phofu wena ngokwakho ube ungafuni nto mntwini.

13. UNdikhoyo uya kukwenza ube yimbalasane phakathi kwezizwe, ungabi semxukuxeleni. Uya kuba soloko unenkqubela, ungaze uwe phantsi, ukuba uyithobele wayenza imiyalelo yakhe endikunika yona namhlanje.

14. Noba sekutheni na ungaze uphambuke nakancinane kule miyalelo; ungaze unqule ubuse *oothixo abangabambi.”

15. “Kambe ke ukuba akulithobelanga ilizwi *likaNdikhoyo uThixo wakho, ukuba akuyenzanga yonke le miyalelo nale mimiselo ndikunika yona namhlanje, ziya kukufumana iziqalekiso:

16. “Woqalekiswa ezidolophini nasemaphandleni.

17. “Yoqalekiswa ingobozi yakho, nesitya sakho sokuxovulela ngokunjalo.

18. “Yoqalekiswa inzala yakho, nesivuno somhlaba wakho, kwanamathole namatakane emfuyo yakho.

19. “Woqalekiswa ekuphumeni kwakho, nasekubuyeni kwakho ngokunjalo.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 28