Ngoko ke akuba uNdikhoyo ekuhlangule kuzo zonke iintlanga ezikungqongileyo, waza wawuma umhlaba akunika wona ukuba ube lilifa lakho, uze uwabulale uwatshayele ama-Amaleki atsho alibaleke. Uyabona ke, uze ungaphazami!”