Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 23:7-16 Ibhayibhile (XHO96)

7. “Ungaze uwajongele phantsi amaEdom; kaloku uyazalana nawo. NamaJiputa uzungaze uwajongele phantsi; kaloku wawukhe waba ngumphambukeli elizweni lawo.

8. Wona ukusukela kwisizukulwana sawo sesithathu angabandakanywa nebandla labantu bakaNdikhoyo.”

9. “Xa umkhosi wakho uphuma usiya kuhlasela utshaba mawuzigcine ungenzi nanye into engavumelekanga.

10. Ukuba ijoni lithe *lanomlaza ngenxa yokuba lichithe ubudoda lilele, maliphumele ngaphandle, lihlale apho.

11. Kuya kuthi ke emalanga lihlambe umzimba, lize lithi lakutshona ilanga libuyele kwibutho lalo.

12. “Kufuneka ube nendawo yangasese ngaphandle qelele kwisikhululo sakho.

13. Phakathi kwezikrweqe zakho malubekho ulugxa, khon' ukuze uthi xa uye ese uzimbele umngxuma owohlala kuwo.

14. Kaloku *uNdikhoyo uThixo wakho uhlala kunye nawe, khon' ukuze akukhusele, ube nokuzoyisa iintshaba zakho. Ungaze wenze nto ilihlazo, khon' ukuze angakufulatheli uNdikhoyo.”

15. “Xa lithe ikhoboka lamshiya umninilo, labalekela kuwe, sukuligodusa.

16. Lingahlala nakuyiphi na idolophu eliyithandayo. Malingaphathwa gadalala.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 23