Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 22:8-14 Ibhayibhile (XHO96)

8. “Xa usakha indlu yenzele ungqameko apha emaphethelweni ephahla, khon' ukuze ungabi natyala lakubulala xa umntu ewe khona waza wafa.

9. “Entsimini olime kuyo idiliya sukulima nesinye isityalo, hleze ungafumani sivuno kuzo zombini.

10. Ungaze ubophe inkomo kunye nedonki xa ulimayo.

11. Ungaze unxibe impahla engumxube, uboya kunye nomchako.

12. “Impahla yakho yenzele amanquma kumasondo omane.”

13. “Kungenzeka ukuba indoda izeke, ize kamva idikwe ngumfazi lowo,

14. imnyelise ngokuthi: ‘Ndamzeka, ndaza ndathi ndakusondela kuye ndabhaqa into yokuba akayontombi.’

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 22