Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 21:12-23 Ibhayibhile (XHO96)

12. uyise emzini wakho, ifike igugule intloko, inqumle iinzipho,

13. ikhulule izambatho efike nazo. Emva koko ke mayihlale apho, izilele ikhaya layo ngokunjalo nabazali bayo isithuba esingangenyanga, wandule ke ukuyithatha ibe ngumkakho.

14. Kamva ke, xa ungasayifuni, yikhulule ihambe iye apho ithande khona. Kaloku uyenze umkakho; ngoko ke akunalungelo lakuyithengisa ibe likhoboka.”

15. “Ukuba indoda inabafazi ababini, omnye imthanda kunomnye, baza ke bobabini bazala oonyana, kwaza kwathi kanti lo ulizibulo akanguye owomfazi oyintandane,

16. ngoku ke xa le ndoda ifuna ukubabela ilifa layo, mayingabi nagobe ngokubhekiselele kulo nyana womfazi oyintandane, imnike inxaxheba yonyana wamazibulo.

17. Unyana wamazibulo makanikwe ilifa eliphindwe kabini, nokuba akazalwa ngumfazi oyintandane. Kaloku nguye oluphawu lwamandla kayise. Ilungelo lenkulu lelakhe.”

18. “Xa indoda inonyana onenkani, oyinjubaqa, ongevayo naxa selelulekwa ngabazali bakhe,

19. kufuneka abazali abo bamthathe bamse enkundleni kumadoda amakhulu edolophu leyo.

20. Baya kuthetha benjenje: ‘Lo nyana wethu unenkani, uyinjubaqa; akasiphulaphuli. Ulidla-kudla, futhi ulinxila.’

21. Amadoda edolophu leyo makamxulube ngamatye ade afe, khon' ukuze buncothulwe ububi phakathi kwenu. Aya kuthi ke amaSirayeli akuyiva le nto ihlileyo atsho oyike.”

22. “Xa indoda ithe inetyala yagwetyelwa ukufa, yaza ke yabulawa yaxhonywa emthini,

23. makungade kuse isaxhonyiwe. Mayithulwe ingcwatywe kwangaloo mini; kaloku umntu oxhonywe emthini uqalekisiwe nguThixo. Ngoko ke mawungcwatywe umzimba, khon' ukuze *ungagqwaliseki umhlaba owuphiwe *nguNdikhoyo uThixo wakho.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 21