Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 21:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Xa sewukwelo lizwe uza kuliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wakho, waza wafumana umntu enzakaliswe wafa engaphandle komzi, ube wena ungazi ukuba ubulewe ngubani na,

2. kufuneka amadoda amakhulu nabagwebi baye kuloo ndawo afele kuyo, bafike balinganise umgama ukusuka kuloo ndawo ukuya kwiidolophu ezikufutshane.

3. Ke wona amadoda amakhulu aloo dolophu iyeyona ikufuphi kuloo mntu kofuneka akhethe ithokazi lenkomo elingazange lisebenze.

4. Aya kulithatha ke, aye nalo ngasentlanjeni engatshiyo, apho kungazange kwalinywa, afike alaphule ilungu lentamo.

5. Ababingeleli bakwaLevi kofuneka babekho nabo apho, kuba ngabo abanyulwe nguNdikhoyo uThixo wenu ukuba baqwalasele imicimbi yonqulo, baze bathamsanqele egameni likaNdikhoyo, bade baphicothe bagwebe kwimibandela yeembambano nobugwinta.

6. Onke ke amadoda amakhulu aloo dolophu ikufuphi kufuneka ahlambe izandla phezu kwelo thokazi laphulwe ilungu lentamo,

7. athi: ‘Akagetyengwanga sithi lo mntu, futhi asimazi nomntu oyenzileyo le ntlekele.

8. Awu, Ndikhoyo, nceda, waxolele amaSirayeli owawahlangula eJiputa. Lala ngenxeba usixolele, ungalibeki phezu kwethu eli tyala legazi elimsulwa.’

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 21