Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 2:1-15 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Emva koko sanduluka sangena entlango ngendlela eya kuLwandle oluBomvu, ngokwelizwi *likaNdikhoyo. Apho ke sathatha ithuba elide ukujikeleza ezo ntaba zaseSeyire.

2. “UNdikhoyo ke wathetha nam, wathi:

3. ‘Selilide ithuba nizama ukujikela le ntaba, ngoko ke jikani niye kwelasentla.

4. Ke ngoko uzubayale abantu, uthi: “Ngoku seniza kungena kweleentaba laseSeyire, umhlaba wamawenu inzala kaEsawu. Ke wona aza kunoyika,

5. kambe ke ze nizilumkele ningawaqali, kuba kaloku andiyi kuninika nomhlathana lo kumhlaba wawo. Intaba yeSeyire ndayinika uEsawu nenzala yakhe.

6. Ukutya namanzi wathengeni kubo xa nidlulayo.” ’

7. “Khumbulani kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unithamsanqele kuko konke enikwenzileyo. Unilondolozile ngalo lonke uhambo lwenu kwesi sithabazi sentlango. Kula mashumi mane eminyaka uNdikhoyo uThixo wenu ebenani, anaswela nto.

8. “Ngoko ke sanduluka, sagqitha eSeyire, nditsho kumhlaba wamawethu inzala kaEsawu, sayishiya indlela yasentlango ephuma e-Elati nase-Eziyon-gebhere eya kuLwandle oluFileyo, sajika sasinga kwintlango yaseMowabhi.

9. UNdikhoyo wandiyala wathi: ‘Uze ungawabandezeli uwaqale amaMowabhi, inzala kaLothe, kuba ndiwaphe idolophu yaseAra. Ke andiyi kukunika nendawana le kumhlaba wawo.’

10. “Apho ke eAra kwakumi uhlanga olomeleleyo, kusithiwa ngamaEma. Nawo ayeziingxilimbela njengama-Anaki.

11. Kwanjengama-Anaki nawo kwakusithiwa ngamaRafa, kambe ke wona amaMowabhi ayesithi ngamaEma.

12. Wona amaHori ayekade emi eSeyire, aza agxothwa yinzala kaEsawu, yawaphanzisa kwema yona kuloo mhlaba wawo, kwanjengokuba noSirayeli ezigxothile iintshaba zakhe kumhlaba awuphiwe nguNdikhoyo.

13. “UNdikhoyo wathi: ‘Sukani niwele umfula iZeredi.’ Senjenjalo ke.

14. “Ngoku ke kwakusekuyiminyaka emashumi mathathu anesibhozo saphumayo eKadeshe-bhaneya. Onke amajoni eso sizukulwana ayeselafa ngokomlomo kaNdikhoyo.

15. UNdikhoyo wachasana nawo wada wawatshabalalisa kwathi nya.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 2