Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 17:7-20 Ibhayibhile (XHO96)

7. Kananjalo abantu abaya kuphosa amatye okuqala ngamangqina lawo, aze ke alandelwe ngabo bonke abanye abantu. Ngaloo ndlela ke woba ubuncothule ububi phakathi kwenu.

8. “Xa abalamli besoyiswa ngamatyala athile, nokuba ngawokwenzakalisa, ngaweembambano, okanye awokuhlasela, makaziswe kuloo ndawo yalathwe nguNdikhoyo uThixo wakho.

9. Umcimbi lowo uzuwubhekise kubabingeleli babaLevi ngokunjalo nomlamli osesikhundleni ngelo thuba, bawuphicothe bawugwebe umcimbi.

10. Bakuba bezivakalisile ke izimvo zabo uzuhambe ngazo, ungaphambuki nakancinane kuzo.

11. Uzusamkele ke isigwebo sabo, uhambe ngokwemiqathango abakunike yona, ungaphumi ecaleni.

12. Nabani na ongamthobeliyo umlamli okanye umbingeleli omisiweyo makabulawe, ukuze ngaloo ndlela buncothulwe ububi kwaSirayeli.

13. Wonke ubani uya kuthi akuyiva loo nto atsho oyike, kungabi sabakho bani ungomnye uphinda enze into enjalo.”

14. “Wakuba ungenile wada wazinza kwelo lizwe uliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wakho, uya kuthi: ‘Nathi masibe nokumkani kwanjengezinye izizwe ezisingqongileyo.’

15. Qinisekisa ke ukuba loo ndoda uyikhethela ukuba ibe ngukumkani yileyo inyulwe *nguNdikhoyo uThixo wakho. Umntu omawumkhethe ngumntwan' othuthu, ingabi yintlanga.

16. Ke ukumkani lowo makangazifuneli mhlambi wamahashe ukomeleza umkhosi wakhe, angaze athumele abantu eJiputa ukuba baye kumthengela amahashe, kuba kaloku uNdikhoyo wayalela wathi: ‘AmaSirayeli makangaze abuyele eJiputa.’

17. Ukumkani makangabi nabafazi baninzi, kuba loo nto ingamenza akreqe kuNdikhoyo; kananjalo makangaziqwebeli butyebi basiliva nagolide.

18. “Ukumkani lowo ke akungena esihlalweni sakhe makazenzele incwadi yomthetho ngokuthatha amazwi aleyo yamandulo igcinwe ngababingeleli bakwaLevi.

19. Le ncwadi ke aze angahlukani nayo. Kubo bonke ubomi bakhe makahlale eyifunda, khon' ukuze afunde ukumhlonela uNdikhoyo uThixo wakhe, awathobele amazwi alo mthetho, ayenze imimiselo yawo.

20. Le nto ke iya kumnceda, khon' ukuze angazenzi bhetele kunamawabo, angayityesheli nakancinane imiyalelo kaNdikhoyo. Ngaloo ndlela ke uya kulawula iminyaka emininzi, ngokunjalo nenzala yakhe iya kulawula kwaSirayeli izizukulwana ngezizukulwana.”

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 17